Uluka 1:65-71 Ibhayibhile (XHO96)

65. Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda.

66. Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye.

67. UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi:

68. “Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo;

69. kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo.

70. Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mneneoweza *ngabashumayeli bayo abangcwele,

71. ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu,nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo;

Uluka 1