Uluka 1:63-73 Ibhayibhile (XHO96)

63. Wabiza icwecwana, wabhala wathi: “Igama lakhe nguYohane.” Baza bamangaliswa bonke.

64. Kwangoko lwacombuluka ulwimi lukaZakariya, wathetha ebonga uThixo.

65. Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda.

66. Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye.

67. UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi:

68. “Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo;

69. kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo.

70. Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mneneoweza *ngabashumayeli bayo abangcwele,

71. ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu,nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo;

72. isithi yobenzela inceba oobawo bethu,iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele,

73. isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu,

Uluka 1