51. Wolule ingalo yakhe enamandla,wabachitha-chitha abanekratshi ekuzicingeleni kwabo.
52. Iinganga wazithoba kumawonga azo,waza abathobekileyo wabaphakamisa.
53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo,wathi abazizityebi wabandulula belambatha.
54. Wamxhasa uSirayeli umkhonzi wakhe,akayilibala inceba yakhe
55. awayethembise ngayo koobawo bethu,kuAbraham nakwinzala yakhe ngonaphakade.”
56. UMariya ke wahlala noElizabhete iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wagoduka.
57. Lafika ke ixesha lokuba uElizabhete abeleke, waza wazala unyana.
58. Bakuva abamelwane bakhe nezizalwana zakhe ngale nceba ingaka ayenzelwe yiNkosi, bavuyisana naye.
59. Kwathi ke ngomhla wesibhozo baya kumàlusa umntwana, befuna ukumthiya ngoyise uZakariya.
60. Kodwa unina wala, esithi: “Hayi, igama lakhe nguYohane!”
61. Bona ke bathi kuye: “Lingekho nje eli gama kowabo!”
62. Baza babhekisa kuyise ukuba yena unga angathiywa gama lini na.
63. Wabiza icwecwana, wabhala wathi: “Igama lakhe nguYohane.” Baza bamangaliswa bonke.
64. Kwangoko lwacombuluka ulwimi lukaZakariya, wathetha ebonga uThixo.
65. Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda.