Uluka 1:27-40 Ibhayibhile (XHO96)

27. kwintombi eyayisendela kumfana wendlu kaDavide, ogama linguJosefu. Igama lentombi leyo lalinguMariya.

28. Safika ke isithunywa kuye, sathi: “Bhota, wena ubabalweyo! INkosi inawe.”

29. UMariya woyika akuweva la mazwi, waza wafuna engqondweni ukuba ngaba ngumbuliso mni na lo.

30. Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa.

31. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama *elinguYesu.

32. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise,

33. ayilawule indlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nolawulo lwakhe lungaze luphele.”

34. UMariya ke wathi kuso isithunywa: “Iya kwenzeka njani na loo nto, ndingazani nandoda nje?”

35. Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.

36. Uyabona, naye uElizabhete ozalana nawe, ukhawule unyana ebudaleni bakhe. Le yinyanga yesithandathu kuye, yena lowo bekusithiwa uludlolo.

37. Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.”

38. Wathi ke uMariya: “Ndim lo mna mkhonzazana weNkosi. Makwenzeke kum ngokwamazwi akho.” Saza semka isithunywa kuye.

39. Ngaloo mihla wesuka uMariya, wasinga kweleentaba ngokukhawuleza, esiya edolophini yakwaJuda;

40. waya kungena endlwini kaZakariya, wafika wambulisa uElizabhete.

Uluka 1