7. Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo.
8. Oonyana neentombi zenu ndobathengisa kumaJuda; aze wona abathengise kwisizwe esikude, amaShebha.” Lawo ke ngamazwi kaNdikhoyo.
9. Le nto yivakaliseni ezizweni.Ndithi hlaban' umkhosi.Ewe, waxhokonkxeni amajoni.Onke amadoda emfazwe makasondele ahlasele.
10. Amakhuba wajikeni abe ngamakrele,izitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.Negwala malithi: “Ndilikroti.”
11. Phuthumani, yizani nonke, zizwe ezijikelezileyo;yizani niqokelelane apho.Thoba umkhosi wakho, Ndikhoyo.
12. “Ke zona izizwe mazishukunyiswezingene kwintili kaJoshafati.Oko kukuthi “kwiNtili yokuGweba kukaNdikhoyo”Ke mna ndohlala khona,ndizigwebe iintlanga ezijikelezileyo.
13. Ewe, khawufake irhengqe;kaloku isivuno sivuthiwe ngoku.Ngena uxovule iidiliya;sona isixovulelo sizele,kananjalo nemiphanda iyaphuphuma.Kaloku inkohlakalo yabo inkulu.”
14. Nâbo beyinyambalala yesihlwele phaya kwintili yesigqibo.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;ewe, iyifikele intili yesigqibo.
15. Loba mnyama ilanga nenyanga;iinkwenkwezi zosuka zifiphale.
16. UNdikhoyo wobhavuma eZiyon,izwi lakhe lizongome eJerusalem,umhlaba nesibhakabhaka utsho ungcangcazele.Ke abakhe bazimela ngaye uNdikhoyo;ewe, yena ulixhadi labantu bakhe amaSirayeli.