4. “Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko.
5. Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu.
6. AbakwaJuda nabaseJerusalem nithengise ngabo kumaGrike, nabasa kude lé kwelakowabo.
7. Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo.