1. Hlokomisan' ixilongo eZiyon;hlaban' umkhosi kwintaba yam engcwele.Mabankwantye bonke abemi beli lizwe.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;ayifikanga, koko igalelekile.
2. Ngumhla othi thsu, imini yesithokothoko;lusuku olurhuqis' amafu, nditsho amafu amnyama,imini enjengongcwalazi phezu kwentaba.Nank' umkhosi omkhulu owomeleleyo!Nowamanyange awuzange ube nje;nowezizukulwana awusoze ube njalo.
3. Phambi kwawo kulenyez' umlilo;ngasemva kudangazel' idangatye.Phambili phaya umhlaba ngathi ngumyezo we-Eden,kodwa emkhondweni wawo yinkangala.Ubetha kungasindi nto konke-konke.
4. Mbonakalo yawo ngathi ngamahashe;ewe, uphala oku kwawomkhosi.
5. Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.
6. Ewe, wona nguvela-barhwaqele;phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.
7. Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.
8. Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.
9. Usuka uphoseke phakath' esixekweni,uqakathe phezu kwezo ndonga.Usuka utsho phakathi ezindlwininangeefestile ngathi ngamasela.
10. Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;ke sona isibhakabhaka singcangcazele,ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.
11. UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,endolosa phambi komkhosi wakhe.Awakhe amabutho yinkungu nelanga;ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!Awu, hay' ukoyikeka kwayo!Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?
12. Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,yena uthi: “Qalisani kwangoku.Buyelani kum ngamxhelo mnyengokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”