Ujoweli 1:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuJoweli unyana kaPetuweli.

2. Hoyina, zingwevu zakowethu!Yivani, nonke bemi beli lizwe!Nikhonje nakha nayibona into enje?Khona kwimihla yamanyange yakhe yakho phi?

3. Ke, yixeleni kubantwana benu;nabo ze bayixelele abantwana babo,ukuze nabo bayixelele isizukulwana esizayo.

4. Oko kushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi;okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi;ukanti okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi!

5. Vukani, nitshw' esofelweyo, manxila;lilani nonke nigixe, baseli bewayini.Ewe, bhombolozani ngenxa yewayini entsha –kaloku sobe nibe saphinda niyirhabule.

6. Kaloku eli lizwe lihlaselwe ngumkhosi;ewe, ziingwanyalala eziyinyambalala.Ngenene zizinto ezimazinyo angxavula okwengonyama.Ngonyamakazi yakwabani emabamba anje?

Ujoweli 1