Ujona 4:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku esi sehlo samkhathaza uJona, wacaphuka gqitha.

2. Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo.

3. Ngoko ke ndiyakubongoza, Ndikhoyo, buthathe ubomi bam, kuba kum ukufa kungcono kunokudla ubomi.”

4. UNdikhoyo waphendula wathi: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe?”

5. Ke kaloku uJona waphuma waya empuma yeso sixeko, waza ke wahlala phantsi. Wazakhela iphempe, waza wahlala emthunzini walo ukuze ayibukele kakuhle loo nto yayiza kwehla apho eNiniva.

6. Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi.

Ujona 4