4. Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.”
5. Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.
6. Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini.
7. Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi.
8. Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo.