Ujona 1:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ingqwayi-ngqwayi yenqanawa leyo ke yaya kuye, yafika yathi: “Ngani ukuba ulale, thongorhandini? Vuka, ubize uThixo wakho! Mhlawumbi angasikhumbula, size singatshabalali.”

7. Ke bathi omnye komnye: “Yizani senze *amaqashiso ukuze sibhaqe lo mntu ungunobangela wale ntlekele.” Benjenjalo ke, laza iqashiso laphuma noJona.

8. Baza ke bathi kuJona: “Khawutsho! Ngubani unobangela wale ntlekele? Uzokwenza ntoni apha? Khona, uvela phi? Liphi ikowenu? Ungumni kakade?”

9. UJona waphendula wathi: “Mna ndingumHebhere. Ndinqula uNdikhoyo uThixo wamazulu, lo udale ulwandle kunye nomhlaba.”

10. Ke kaloku loo madoda othuka gqitha, kuba uJona wawachazela ukuba elapho nje ubaleka uNdikhoyo, aza athi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo?”

11. Ke lona ulwandle lwaqhubela phambili ukulwa. Baza ke bathi kuJona: “Masenze ntoni ngawe ukuze ulwandle luzole?”

Ujona 1