Ujeremiya 9:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10. Mna ndiza kugixa,ndililele iintaba, ndizile,kuba amadlelo atshile,akusekho bani uhamba kuwo,akusanxakami nankomo.Iintaka zibalekile,neenyamakazi zimkile.

11. “IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlonesikhundla soodyakalashe,ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,kungahlali bani khona.”Utsho uNdikhoyo.

Ujeremiya 9