18. Umva-ndedwa undongamele;ibuhlungu intliziyo yam.
19. Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethusihlokoma kwelikude, sisithi:“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”Uthi *uNdikoyo:“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”
20. Abantu bona bathi:“Sekugqityiwe ukuvunwa,nehlobo sele lidlule,kodwa ke thina asikasindiswa.”
21. Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.Ndizilile, ndimatshekile.
22. Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi?Akusekho gqirha na khona?Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?