Ujeremiya 8:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanku umlomo kaNdikhoyo: “Ngelo xesha amathambo ookumkani bakwaJuda, naweendwalutho zalapho, awababingeleli kunye nabashumayeli kwakunye nabemi baseJerusalem, aya kukhutshwa emangcwabeni.

2. Aya kubhencwa elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini ababezithanda bezikhonza, bekhokelwa zizo, bebuzisa kuzo, benqula zona. Aya kuthi saa phezu komhlaba oku kwamalongwe, angafihlwa bani.

3. Amasalela olu hlanga lukhohlakeleyo, endiya kuwathi saa elizweni, aya kukhetha ukufa endaweni yokudla ubomi kwezo ndawo akuzo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.

4. “Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela?

5. Ke, ngabantu abatheni bona aba baseJerusalem bathe rhoqo ukukreqa kum? Ngabatheni aba banamathele kumampunge, besala ukubuyela kum?

6. Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini.

Ujeremiya 8