Ujeremiya 6:27-30 Ibhayibhile (XHO96)

27. “Ndikwenze umgocagoci wabantu bam,ukuze uziqonde uzivavanye kakuhle iindlela zabo.

28. Bangabakreqi abanenkani;balukhuni okwesinyithi nentsimbi.Zizinto ezihamba zisasaza ulwimi;bonakele xa bebonke.

29. Imfutho ivuthela umlilo wokunyibilikisa ilothe.Uyawenza umsebenzi wakhe umkhandi,kodwa yonke loo nto lilize,kuba zona izikhohlakali azipheli.

30. Kuthiwa abantu bayintlenge yesiliva,kuba uNdikhoyo ubabukule.”

Ujeremiya 6