2. “Xelani nivakalise ezintlangeni,niphakamise ibhanile niqononondise.Musani ukufihlisa, koko yithini:‘Ithinjiwe iBhabheli;uhlazekile uBhele;uMarduki uyankwantya luloyiko.Zihlazekile izithixo zabo;ziyankwantya izinto ezingamasikizi abazinqulayo.’
3. Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentlaoluya kwenza ilizwe libe senkangala.Aliyi kumiwa bani –bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.
4. “Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJudabaya kuhamba kunye belila,befuna uNdikhoyo uThixo wabo.
5. Baya kubuza indlela esinga eZiyon,babheke kuyo, bathi:‘Yizani, sizimanye noNdikhoyongomnqophiso ongenasiphelo nongasayi kulityalwa.’
6. “Abantu bam bâba ziigusha ezilahlekileyo;balahlekisiwe ngabelusi babo,babhadula ezintabeni,bajikeleza iintaba neenduli,bayilibala indawo yabo yokuphumla.
7. Babedliwa ngabo bonke ababafumanayo;iintshaba zabo zazisithi: ‘Asinatyala.Kaloku bamonile uNdikhoyo,yena olidlelo lenene,yena Ndikhoyo ithemba looyise.’