15. Hlabani umkhosi macala onke!Iyanikezela –iinqaba zayo ziwile;iindonga zayo zidiliziwe.Yimpindezelo kaNdikhoyo le;phindezelani ke kuyo,nenze kuyo njengoko nayo yenze kwabanye.
16. Mnqumleni eBhabheli umhlwayelinalowo uphethe irhengqa ngexesha lokuvuna.Ngenxa yokudlavula kwekreleelowo ubheka ebantwini bakowabo,elowo ubalekela ezweni lakowabo.
17. “USirayeli uyigusha ebhacileyo;usukelwe ziingonyama.Eyokuqala eyamdlayo ngukumkani waseAsiriya;eyokugqibela ukugramza amathambo akhe nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli.”
18. Ke ngoko uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi:“Niyabona, ndiza kumohlwaya ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhenjengoko ndamohlwayayo ukumkani waseAsiriya.
19. Ke yena uSirayeli ndiya kumbuyisela edlelweni lakhe,adle eKarmele naseBhashan,ahluthe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.
20. Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli,kodwa bungabikho;ziya kufunwa nezono zikaJuda,kodwa zingafumaneki.Kaloku ndiya kuwaxolela loo masalela ndiwasindisayo.
21. “Lihlasele ilizwe laseMeratayim nabemi basePekode;babulale ubatshabalalise ngokupheleleyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kwenze konke endikuyalele kona.
22. Isithonga semfazwe sivakala elizweni,isandi sobhukuqo olukhulu.
23. Nantso intlekekile ihamile eyayikhanda ihlabathi!Hayi ukuba ngamanyumnyezi kweBhabheli phakathi kweentlanga!
24. Ndikuthiyele, Bhabheli,wabanjiswa ungaqondi.Ufunyenwe, wabhajiswa,kuba uchasene noNdikhoyo.
25. UNdikhoyo ubavulile oovimba bakhe,wazikhupha izikhali zengqumbo yakhe,kuba iNkosi uNdikhoyo enamandla onkeinomsebenzi ezweni lamaKaledi.