13. Ngenxa yengqumbo kaNdikhoyo uya kuba sisixeko esingamiwa bani,indawo eyinkangala mpela.Bonke abadlulayo eBhabeli baya kothuka,bathi khumnqa ngenxa yokubhukuqwa kwayo.
14. “Yakhani uhlelo, niyingqinge iBhabheli,nina nonke batyedi besaphetha.Tolani nitsho kuyo, ningashiyi lutolo,kuba imonile uNdikhoyo.
15. Hlabani umkhosi macala onke!Iyanikezela –iinqaba zayo ziwile;iindonga zayo zidiliziwe.Yimpindezelo kaNdikhoyo le;phindezelani ke kuyo,nenze kuyo njengoko nayo yenze kwabanye.
16. Mnqumleni eBhabheli umhlwayelinalowo uphethe irhengqa ngexesha lokuvuna.Ngenxa yokudlavula kwekreleelowo ubheka ebantwini bakowabo,elowo ubalekela ezweni lakowabo.