6. Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.
7. “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.
8. Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –banqwenela abafazi boogxa babo.
9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10. “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,kodwa ungasibhuqi sonke.Wasuse amasebe aso,kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.
11. Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12. Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.
13. Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”
14. Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.
15. “MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.
16. Isingxobo seentolo zabo sinjengengcwaba elivulekileyo; zizigantsontso zamagorha amajoni abo!
17. “Hayi sona isivuno nokutya kwenu: baza kukugqiba!Koonyana neentombi zenu: ginyi qobo!Iinkomo neegusha zenu: ginyi qobo!Imidiliya namakhiwane: bimbilili!Izixeko zenu ezinqatyisiweyo, bozitshayela ngekrele;nditsho ezi kanye zilithemba lenu!
18. “Kanti ngaloo mihla andiyi kunitshabalalisa kuphele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
19. “Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”
20. Yithetheni le nto kwindlu kaYakobi, niyixele nakwaJuda, nithi:
21. “Phulaphulani, bantundini baziziyatha bangaqiqiyo! Ninamehlo kodwa aniboni, nineendlebe kodwa aniva!