15. “MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.
16. Isingxobo seentolo zabo sinjengengcwaba elivulekileyo; zizigantsontso zamagorha amajoni abo!
17. “Hayi sona isivuno nokutya kwenu: baza kukugqiba!Koonyana neentombi zenu: ginyi qobo!Iinkomo neegusha zenu: ginyi qobo!Imidiliya namakhiwane: bimbilili!Izixeko zenu ezinqatyisiweyo, bozitshayela ngekrele;nditsho ezi kanye zilithemba lenu!
18. “Kanti ngaloo mihla andiyi kunitshabalalisa kuphele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
19. “Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”
20. Yithetheni le nto kwindlu kaYakobi, niyixele nakwaJuda, nithi:
21. “Phulaphulani, bantundini baziziyatha bangaqiqiyo! Ninamehlo kodwa aniboni, nineendlebe kodwa aniva!
22. Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe.
23. Kodwa aba bantu banenkani, abalawuleki. Bakreqile bemka kum.
24. Àbatsho ezintliziyweni zabo ukuthi: ‘Masimoyike uNdikhoyo uThixo wethu osinika imvula ngexesha ekwindla nasentwasa-hlobo, osipha amathuba okuvuna minyaka le.’
25. Ubugwenxa benu buzigxothile ezi zinto; izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.
26. “Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu.
27. Izindlu zabo bazizalisa ngobuqhophololo ngathi ziingobozi zizele ziintaka; yiyo loo nto bezizityebi neendwalutho.