1. Uthi *uNdikhoyo:“Zityhutyheni izitalato zeJerusalem,nikhangele nigqale,nizigocagoce iindawo zembutho,nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo.Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.
2. Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’bafunga ubuxoki.”
3. Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na?Wabohlwaya, abeva noko.Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho.Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.
4. Suka ndathi:“Ngamahlwempu adengekileyo la.Abayazi indlela kaNdikhoyo;abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.
5. Ndiza kuthetha nabakhulu.Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo;ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.”Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe,baziqhawula izitrophu.
6. Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.
7. “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.
8. Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –banqwenela abafazi boogxa babo.