1. Uthi *uNdikhoyo:“Zityhutyheni izitalato zeJerusalem,nikhangele nigqale,nizigocagoce iindawo zembutho,nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo.Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.
2. Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’bafunga ubuxoki.”
3. Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na?Wabohlwaya, abeva noko.Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho.Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.
4. Suka ndathi:“Ngamahlwempu adengekileyo la.Abayazi indlela kaNdikhoyo;abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.
5. Ndiza kuthetha nabakhulu.Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo;ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.”Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe,baziqhawula izitrophu.
6. Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.
7. “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.