Ujeremiya 5:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Uthi *uNdikhoyo:“Zityhutyheni izitalato zeJerusalem,nikhangele nigqale,nizigocagoce iindawo zembutho,nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo.Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.

2. Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’bafunga ubuxoki.”

3. Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na?Wabohlwaya, abeva noko.Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho.Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.

4. Suka ndathi:“Ngamahlwempu adengekileyo la.Abayazi indlela kaNdikhoyo;abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.

5. Ndiza kuthetha nabakhulu.Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo;ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.”Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe,baziqhawula izitrophu.

6. Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,ingcuka ibatsho babe ngamaswili,kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandlelobathi qwenge-qwenge.Kaloku benze uvukelo,baphikela ukumfulathela uThixo.

7. “Ndingakuxolela njani kodwa,abantwana bakho bendibukule nje?Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.

8. Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –banqwenela abafazi boogxa babo.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10. “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,kodwa ungasibhuqi sonke.Wasuse amasebe aso,kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.

11. Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.

13. Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”

14. Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.

Ujeremiya 5