Ujeremiya 49:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kambe ke, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Niyabona, iyeza imihlaendiya kuyihlabela umkhosi iRabha yama-Amon.Iya kuba yimfumba yamabhodlo,iilali zayo zitshiswe ngomlilo.Ewe, uSirayeli uya kubagxotha abo babemgxothile.”Utsho uNdikhoyo.

3. “Yenza isijwili, wena Heshbhon,kuba iAyi ibhuqiwe.Khalani, zilali zaseRabha;bhinqani ezirhwexayo nizile.Zula-zulani nididekile,kuba uMilikom uya kuthinjwa,nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.

4. Kutheni niqhayisela ngeentili zenu,iintili zenu ezichumileyo?Hayi bo, bantundini abakreqayo,abakholosa ngobutyebi babo!Nithi: ‘Ngubani onokusihlasela?’

5. Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyoluvela kubantu abaningqongileyo.”Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke.“Niya kuchitha-chithwa,elowo asabe ngeyakhe indlela,kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.

6. Kambe ke, emva koko, ndiya kumbuyisela kundalashe uAmon,adle ngendebe endala.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7. Malunga noEdom *uNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi:“Akusekho bulumko na kwaTeman?Sezaphelelwa ngamacebo na iingqondi?Sebutshitshile na ubulumko bazo?

Ujeremiya 49