Ujeremiya 48:9-17 Ibhayibhile (XHO96)

9. Lumkisani uMowabhi,nithi uza kudilizwa.Makasabe uMowabhi;makaphume abaleke.Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,kungabikho mntu uhlala kuzo.

10. “Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.

11. “Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,naye akazange asiwe ekuthinjweni.Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,nevumba lakhe alizange liguquke.”

12. Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.

13. UMowabhi uza kuhlazeka ngenxa kaKemoshekanye njengoSirayeli owahlazeka ngenxa yokuthembela kwiBhetele.

14. “Ningatsho njani ukuthi: ‘Singamagorha;sizizigantsontso zokulwa’?

15. Ufikile umtshabalalisi wakwaMowabhi;uza kuzibhukuqa iidolophu zakhe,awubhubhise edabini owona mlisela mhle womkhosi wakhe,”utsho uKumkani ogama linguNdikhoyo, uThixo onamandla onke.

16. “Intlekele imfikele uMowabhi;ishwangusha limgubungele ngephanyazo.

17. Yibani novelwano nguye, nina bamngqongileyo;nina bangqina udumo lwegama lakhe,yithini: ‘Yehaa, yaphukile ingwanyalala yomsimelelo;waphukile umsimbithi wodumo!’

Ujeremiya 48