6. Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.
7. Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,yena kunye nababingeleli namagosa akhe.
8. Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,kungasindi nanye.Intili yoba ngumqwebedu,ithafa lona lonakaliswe,njengoko watshoyo uNdikhoyo.
9. Lumkisani uMowabhi,nithi uza kudilizwa.Makasabe uMowabhi;makaphume abaleke.Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,kungabikho mntu uhlala kuzo.
10. “Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.
11. “Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,naye akazange asiwe ekuthinjweni.Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,nevumba lakhe alizange liguquke.”
12. Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.