Ujeremiya 48:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Malunga noMowabhi *uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthi:“Kunyembelekile!INebho ibhukuqiwe!Yona iKiriyatayim ihlazekile, ithinjiwe;inqaba idiliziwe yahlazeka.

2. Luphele nya udumo lwakwaMowabhi.EHeshbhon baceba ububi ngoMowabhi,bathi: ‘Yizani simphanzise, angabi saba luhlanga.’Nawe Mademena, uza kucinyw' igama;ikrele liza kukusukela.

3. Yivani, naso isililo sivela eHoronayim:‘Lubhukuqo nogonyamelo!’

4. UMowabhi ubhukuqiwe!Iimveku zakhe zivakala zikhala.

5. Amadoda anyuka induli yaseLuhiti ehamba elila engaphezi.Endleleni ehlayo eya eHoronayim ayambambazela;atsho ngesimbonono ngenxa yobhukuqo lukaMowabhi.

6. Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.

7. Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,yena kunye nababingeleli namagosa akhe.

8. Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,kungasindi nanye.Intili yoba ngumqwebedu,ithafa lona lonakaliswe,njengoko watshoyo uNdikhoyo.

Ujeremiya 48