3. Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,nokugoqoza kweenqwelo,nokuxokozela kwamavili,ooyise babashiye enyanyeni abantwana,kuba izandla zabo ziwile.
4. Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiyaelisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.
5. IGaza iza kucheba izile,iAshkelon yona ikhwankqiswe.Masalelandini asemathafeni,koda kube nini na nizicenta nimbambazela?
6. “ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,wopheza nini na?Rhoxa ubuyele esingxotyeni,uphumle uzole.’
7. Kambe ke lingathini ukuphumlauNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelonnakumathafa angaselwandle?Uthe maliye kutyakatya apho.”