7. Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile,ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?
8. Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile!Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo.Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka,ndiwuthi gqume umhlaba,ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’
9. Iwuu, maqela amahashe!Phuthumani, madod' akhwel' iinqwelo; phambili, magorhandini!Nditsho nina, maKushe namaPuti, nina baphethe amakhaka;nani, maLudi, nina bafohlele iintolo!
10. Lo ngumhla kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke.Ngumhla wokuziphindezela kwiintshaba zakhe lo.Liza kudla lihluthe ikrele,lisele lide lidikwe ligazi.Ewe kaloku, iNkosi uNdikhoyo onamandla onkewenzelwa idini kwelasentla ngakumlambo iEfrati.
11. “Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi,uye kufuna khona amayeza okubopha.Kudala uwafuna amachiza;alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.
12. Ihlazo lakho livakele ezizweni;ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi.Igorha likhubeka kwelinye;omabini awa ndawonye.”
13. Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:
14. “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’
15. Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.
16. Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’
17. Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’
18. “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.
19. Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,nina bemi baseJiputa,kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.