Ujeremiya 46:14-25 Ibhayibhile (XHO96)

14. “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’

15. Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.

16. Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’

17. Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’

18. “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.

19. Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,nina bemi baseJiputa,kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.

20. “IJiputa lithokazi elihle kakhulu;kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!

21. Amajoni angabaqeshwa aseJiputaafana neenkunzana ezityebileyo,suka nawo ajika abaleka,akwema nalinye.Afikelwe yimini yentlekele,ixesha lokohlwaywa kwawo.

22. IJiputa ifutha oku kwenyoka erhubuluzayo,kuba utshaba olunamandla alufikanga lugalelekile!Luya kunifikela ngamazembe okwamadoda agawula imithi.

23. Luya kuligeca liphele elo hlathi lakho lishinyeneyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Akamaninzi – yinyambalala engenakubalwa oku kweenkumbi.

24. Intombi enguJiputa ihlazekile;inikelwe esandleni sesizwe esivela ngasentla.”

25. UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye.

Ujeremiya 46