13. Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:
14. “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’
15. Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.
16. Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’
17. Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’
18. “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.
19. Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,nina bemi baseJiputa,kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.
20. “IJiputa lithokazi elihle kakhulu;kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!