11. “Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi,uye kufuna khona amayeza okubopha.Kudala uwafuna amachiza;alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.
12. Ihlazo lakho livakele ezizweni;ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi.Igorha likhubeka kwelinye;omabini awa ndawonye.”
13. Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:
14. “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’
15. Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.
16. Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’
17. Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’