Ujeremiya 44:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yonke loo nto yehla ngenxa yenkohlakalo abayenzileyo. Bandixhokonxa ndade ndanomsindo ngokunqula thixo bambi abangabaziyo, bebenzela iziqhumiso. Nini ke kunye nooyihlo abo benjenjalo.

4. Ndaphindelela ukunithumela bonke abakhonzi bam abashumayeli, ukuze banibongoze bathi: “Musani ukulenza isikizi endilicekisa kakhulu!”

5. Koko abazange bahoye, àbafuna kuphulaphula. Bala ukwahlukana nemikhwa yabo emibi nokuyeka ukwenzela izithixo iziqhumiso.

6. Suka ke mna ndayiphalaza ingqumbo yam nomsindo wam phezu kweedolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, zaba ngalaa mabhodlo oyikekayo zingawo namhla oku.’

Ujeremiya 44