Ujeremiya 43:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akugqiba uJeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke *kaNdikhoyo uThixo wabo awamthuma wona uNdikhoyo kubo,

2. uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’

3. NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”

4. Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda.

5. Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo,

Ujeremiya 43