Ujeremiya 41:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.

16. UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.

17. Banduluka bemisa eGerute-kimham ngaseBhetelehem kwindlela yabo esinga eJiputa,

18. bephepha amaKaledi. Babesoyika kuba uIshmayeli unyana kaNetaniya wagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam owemiswa ngukumkani waseBhabheli ukuba abe ngumphathiswa welo lizwe.

Ujeremiya 41