15. Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.
16. UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.
17. Banduluka bemisa eGerute-kimham ngaseBhetelehem kwindlela yabo esinga eJiputa,
18. bephepha amaKaledi. Babesoyika kuba uIshmayeli unyana kaNetaniya wagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam owemiswa ngukumkani waseBhabheli ukuba abe ngumphathiswa welo lizwe.