Ujeremiya 41:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngenyanga yesixhenxe uIshmayeli unyana kaNetaniya unyana kaElishama, owayengumntwana wegazi ekwayingqwayi-ngqwayi kakumkani, waya eMizpa kuGedaliya unyana ka-Ahikam, ehamba neshumi lamadoda, baza batya kunye. Kwathi ke besahleli etafileni apho

2. suka uIshmayeli unyana kaNetaniya kunye nelo shumi lamadoda ayehamba naye baphakama bamxabela ngekrele uGedaliya, unyana ka-Ahikam ongumzukulwana kaShafan. Ngeso senzo bamgwinta owayengumphathiswa welo lizwe omiselwe ngukumkani waseBhabheli.

3. Bawabulala namanye amaJuda onke awayeseMizpa kunye noGedaliya, kwakunye namajoni angamaKaledi awayelapho.

Ujeremiya 41