Ujeremiya 40:14-16 Ibhayibhile (XHO96)

14. bathi kuye: “Akuvanga na ukuba uBhahalisi ukumkani wama-Amon uthumele uIshmayeli unyana kaNetaniya ukuba akugwinte?” UGedaliya yena unyana ka-Ahikam akazange abakholelwe.

15. Emva koko uYohanan unyana kaKareya waya kuGedaliya ngasese apho eMizpa, wathi: “Ndivumele ndiye kubulala uIshamyeli unyana kaNetaniya; akukho mntu uya kuyazi loo nto. Makangayekwa akubulale, aze la maJuda aqokeleleke apha phantsi kwakho athi saa, atshabalale amasalela akwaJuda.”

16. UGedaliya waphendula uYohanan ngelithi: “Uze ungakhe uyenze into enjalo! Bubuxoki le nto wena uyithethayo ngoIshmayeli.”

Ujeremiya 40