1. Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli.
2. Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo uThixo wenu ocwangcise le ntlekele inihleleyo kule ndawo.
3. Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula.
4. Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”
5. Kambe ke engekahambi uJeremiya uNebhuzaradan uqokele wenjenje: “Ungabuyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan, omiselwe ukuba alawule iidolophu zakwaJuda ngukumkani waseBhabheli. Ungahlala naye phakathi kwamawenu, okanye uye naphi na apho uthanda khona.” Watsho emnika umphako loo mphathi-balindi kwakunye nesipho, wamndulula uJeremiya.
6. Wesuka apho uJeremiya, waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam owayeseMizpa, wafika wahlala naye phakathi kwabantu ababesele kwelo lizwe.