10. Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ubakhohlise mpela abantu neJerusalem ngokuthi: ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele selibekwe emqaleni!”
11. Ngelo xesha abantu neJerusalem baya kuxelelwa kuthiwe: “Kuza kuvuthuza umoya onolophu, uvela ezincotsheni ezibharhileyo entlango, usinge ebantwini bam. Umoya ovela kum awuyi kuba yiyo impepho nje yokwela okanye yokucoca ingqolowa,
12. koko uya kuba ngumoya onamandla kunoko. Kuba ndim kaloku oza kubagweba abantu bam.”
13. Nalo lusiza utshaba, luziingqimba okwamafu,iinqwelo kuqhum' uthuli ngathi yinkanyamba.Asingomendu, amahashe adlul' ukhozi!Kunyembelekile; izwe lifile!
14. Jerusalem, zihlambulule ububi obusentliziyweni,khon' ukuze usinde!Uya kuhlala ugaya ububi kude kube nini?
15. Kunkenteza ilizwi kwaDan nakwiintaba zakwaEfrayim,lixela intlekele.
16. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:“Zixeleleni iintlanga,nibike naseJerusalem, nithi:‘Utshaba lugalelekile;lutsho ngentlaba-mkhosi yalo kwizixeko zakwaJuda.
17. Lungqinge iJerusalem okwabalindi belinde amasimi.’Ewe, kuthetheni oku, kuba kalokuiJerusalem indivukele.
18. Yimisebenzi yakho neendlela zakho ezi zikuzisele le ntlekele.Sisohlwayo sakho eso.Sikrakra kambe,siye kuthi xhokro emxhelweni.”
19. Hayi bo! Ndithe qhiphu umbilini;intliziyo yam iyabetha;ndingenwe luvalo!Andikwazi kuthi cwaka;ndiva isandi sokuvuthelwa kwesigodlonokuhlokoma kwentlaba-mkhosi!
20. Kuvakala le ntlekele, kuvakale le;ilizwe lonke lifile.Ngequbuliso iintente zakowethu zibhuqiwe,ngephanyazo imikhusane yethu ayisekho.
21. Koda kube nini ndibukelana namadabi?Koda kube nini ndisiva isandi sesigodlo?