1. “Ukuba ngaba uyaguquka, Sirayeli, guqukela kum, kutsho mna *Ndikhoyo. Ukuba uyazisusa emehlweni am izithixo zakho ezilizothe, ungabi sakreqa;
2. ukuba ufunga usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo,’ ube ke ufunga ngenene nangenyaniso nangokuthembekileyo; ukuba wenjenjalo iintlanga ziya kuthi mandizisikelele, zindidumise.”
3. Kaloku uthi uNdikhoyo kubantu bakwaJuda nakubemi baseJerusalem: “Wugelesheni lo mhlaba wenu ube yintsimi, ningatyali phakathi kweenkunzane.
4. Ulwaluko lwenu malenzelwe uNdikhoyo, lungabi yinto yasenyameni nje, bantu bakwaJuda nani bemi baseJerusalem. Kungenjalo ingqumbo yam ngenxa yobubi bezenzo zenu iya kugqabhuka ixele umlilo olenya ungabi nakucinywa bani.”
5. “Bhengezani kwelakwaJuda,nihlokomise eJerusalem, nithi:‘Vuthelani isigodlo elizweni lonke.’Dandulukani ngamandla nisithi:‘Hlanganani,nisabele kwizixeko ezinqatyisiweyo!’
6. Yenzani umqondiso okhomba eZiyon,nicele kwabasicatyana, ningabambezeli,kuba mna ndiza nentlekele ngasentla –ndinizisela intshabalalo enkulu.”
7. Yintw' ekunyalasa inge yingonyama ishiy' isikhundlalo mtshabalalisi weentlanga uzayo.Selephumile kowabo ukuza kubharhisa umhlaba wakho ube yinkangala,azitsho izixeko zakho zibe ngamabhodlo,kungasali nempunde le.
8. Ngoko ke zila, wambathe amarhonya,ugixe, ulile,kuba ingqumbo *kaNdikhoyo ayishenxanga kuthi.