Ujeremiya 39:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ibhotwe lokumkani, nezindlu zabantu, zatshiswa ngomlilo ngamaKaledi, adiliza neendonga zeJerusalem.

9. Umphathi wabalindi bekumkani, uNebhuzaradan, wabaqhubela eBhabheli ekuthinjweni abantu abasala esixekweni, bekunye nabo babezinikezele, nabanye abantu abaseleyo.

10. Kodwa inxalenye yabantu ababengamahlwempu angenanto tu, wabashiya ezweni lakwaJuda umphathi uNebhuzaradan, wababela amasimi nezidiliya.

11. Mayela noJeremiya ukumkani uNebhukadenezare wayalela umphathi-balindi bakomkhulu uNebhuzaradan wathi:

12. “Mthathe uJeremiya, umphathe kakuhle, ungamenzakalisi, umenzele loo nto ayifunayo.”

13. Ngoko ke umphathi-balindi uNebhuzaradan ekunye noNebhushazibhan umphathi oyintloko, nengqwayi-ngqwayi yomkhosi uNerigale-sharezere, bekunye nezinye iindwalutho zokumkani waseBhabheli,

14. bathi makuye kukhutshwa uJeremiya kulaa nkundla yabalindi wayehlala kuyo. Bamnikezela kuGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan ukuba amgoduse. Wasala wahlala phakathi kwabantu bakowabo ke uJeremiya.

15. Ngexesha uJeremiya wayevaleleke enkundleni yabalindi lavakala kuye ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:

16. “Yiya kuxelela uEbhedi-meleki umKushe uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Amazwi am mayela nesi sixeko ndiya kuwazalisekisa ngokusihlisela intlekele, ingabi kokulungileyo. Loo nto iza kuhla uyijongile, lakufika ixesha.

17. Kodwa wena ndokuhlangula ngaloo mini. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Wena akuyi kunikezelwa esandleni saloo madoda uwaxhaleleyo.

18. Inene, ndiza kukuhlangula, ungawi likrele, businde ubomi bakho, kuba ubuthembele ngam wena. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

Ujeremiya 39