Ujeremiya 39:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngenyanga yeshumi kunyaka wethoba ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nomkhosi wakhe uphela, waya kungqinga isixeko saseJerusalem.

2. Kwathi ngomhla wethoba ngenyanga yesine kunyaka weshumi linanye uZedekiya engukumkani agqobhoza angena kweso sixeko amaKaledi.

3. Zesuka zonke iziphathamandla zekumkani yaseBhabheli zaya kutsho ngakwiSango eliseMbindini, zafika zee nqwadalala ezihlalweni apho; yayingooNerigale-sharezere, noSamagare-nebho, noSarsekim umphathi oyintloko, nomnye uNerigale-sharezere owayeyingqwayi-ngqwayi yomkhosi, kunye nezinye iindwalutho zokumkani waseBhabheli.

4. Bathe bakuzibona ezi ziphathamandla ooZedekiya ukumkani wakwaJuda ekunye nomkhosi wakhe wonke, basaba; bemka ngobusuku esixekweni ngendlela edlula ngasesitiyeni sikakumkani, baphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, babalekela entilini yeJordan.

5. Umkhosi wamaKaledi wabasukela wamfumana uZedekiya kuloo mathafa aseJeriko. Amthatha amsa kukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli owayeseRibhela ezweni laseHamati. Lathethwa apho ityala likaZedekiya, waza wagwetywa.

6. Ukumkani waseBhabheli wababulala apho eRibhela oonyana bakaZedekiya ejongile, ngokunjalo wazibulala neendwalutho zonke zakwaJuda.

7. Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamfaka amakhamandela enziwe ngobhedu, ukuze asiwe eBhabheli.

8. Ibhotwe lokumkani, nezindlu zabantu, zatshiswa ngomlilo ngamaKaledi, adiliza neendonga zeJerusalem.

Ujeremiya 39