11. Wanduluka ke naloo madoda uEbhedi-meleki, waya nawo kwigumbi elalisebhotwe ngaphantsi kwendlu enguvimba wasebhotwe. Wathatha amadlavu apho, wawathobela emhadini kuJeremiya, ebotshwe ngentambo.
12. Ke uEbhedi-meleki umKushe wathi kuJeremiya: “Faka la madlavu emakhwapheni, ukuze ungatyatyulwa ziintambo.” enjenjalo ke uJeremiya,
13. baza bona bamrhola emhadini ngezo ntambo. UJeremiya wahlala enkundleni yabalindi.
14. Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makaye kubizwa umshumayeli uJeremiya, asiwe kumnyango wesithathu wendlu *kaNdikhoyo. Uthe akufika uJeremiya, ukumkani wathi: “Ndifuna ukukubuza into; uze ungandifihleli.”
15. UJeremiya yena uthe kuZedekiya: “Ukuba ndikuxelele akuyi kundibulala kodwa? Ukanti nokuba ndingakucebisa, soze undiphulaphule.”