Ujeremiya 35:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. “ ‘Ngoko ke mna Ndikhoyo, uThixo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, nditsho ukuthi: “Niyabona, uJuda nabo bonke abemi baseJerusalem ndibazisela yonke intlekele endabasongela ngayo. Ndabathethisa, kodwa àbandiphulaphula; ndabakhalimela, kodwa abasabela.” ’ ”

18. UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe.

19. Ngoko ke mna Ndikhoyo onguSomandla-onke uThixo kaSirayeli ndithi: ‘UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kuze aswele ndoda yakundikhonza.’ ”

Ujeremiya 35