6. Ndosinyanga ndisiphilise esi sixeko, ndibathi jize ngoxolo nokhuseleko abemi baso.
7. Abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli ndobakhulula ekuthinjweni, ndibamilisele njengangaphambili.
8. Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke abandone ngabo, ndibaxolele amatyala abo nokundivukela kwabo.
9. Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’
10. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale
11. intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyongokuba elungile,obubele bakhe buhlala buhleli!”“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.
12. “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo.
13. Ezidolophini kweleentaba, nezakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kummandla wakwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zakwaJuda, kobuya kubalwe imfuyo ngabelusi,’ utsho uNdikhoyo.
14. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Iyeza imihla yokuba ndisifezekise isithembiso sam kwisizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.
15. “ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.
16. Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”’
17. “Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli.