Ujeremiya 33:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. ‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi,

6. Ndosinyanga ndisiphilise esi sixeko, ndibathi jize ngoxolo nokhuseleko abemi baso.

7. Abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli ndobakhulula ekuthinjweni, ndibamilisele njengangaphambili.

8. Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke abandone ngabo, ndibaxolele amatyala abo nokundivukela kwabo.

9. Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’

10. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale

11. intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyongokuba elungile,obubele bakhe buhlala buhleli!”“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.

Ujeremiya 33