Ujeremiya 33:22-26 Ibhayibhile (XHO96)

22. Njengokuba zingenakubalwa iinkwenkwezi esibhakabhakeni, ingenakulinganiswa nentlabathi elunxwemeni lolwandle, ndiya kwenjenjalo ukusandisa isizukulwana sesicaka sam uDavide nesabaLevi abandikhonzayo.’ ”

23. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24. “Ukuvile na okuthethwa ngaba bantu besithi: ‘Izizwe ezibini awazinyulayo uNdikhoyo uzibukule’? Ngokwenjenjalo banyelisa abantu bam ngokungathi abaselulo uhlanga emehlweni am.

25. Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, khon' ukuze kuphele nemimiselo yam yolungelelwano esibhakabhakeni nasehlabathini,

26. xa kunjalo ndingasibukula isizukulwana sikaYakobi nesikaDavide, isicaka sam, kungabi sanyulwa mlawuli koonyana bakhe alawule inzala ka-Abraham noIsake noYakobi. Unakanye! Ndiza kubakhulula ekuthinjweni, ndibabuyisele kundalashe, ndibathi jize ngemfesane.’ ”

Ujeremiya 33