11. intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyongokuba elungile,obubele bakhe buhlala buhleli!”“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.
12. “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo.
13. Ezidolophini kweleentaba, nezakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kummandla wakwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zakwaJuda, kobuya kubalwe imfuyo ngabelusi,’ utsho uNdikhoyo.
14. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Iyeza imihla yokuba ndisifezekise isithembiso sam kwisizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.
15. “ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.
16. Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”’
17. “Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli.
18. NakubaLevi bohlala bekho ababingeleli bokwenza amadini atshiswayo naweenkozo nemibingelelo.’ ”
19. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:
20. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, kungabikho mini nabusuku ngexesha elimisiweyo,
21. ungaphela nomnqophiso wam nesicaka sam uDavide, angabi naye umzukulwana oya kulawula esikhundleni sakhe, kwangokunjalo nomnqophiso wam nabaLevi wokuba bahlale bendikhonza.
22. Njengokuba zingenakubalwa iinkwenkwezi esibhakabhakeni, ingenakulinganiswa nentlabathi elunxwemeni lolwandle, ndiya kwenjenjalo ukusandisa isizukulwana sesicaka sam uDavide nesabaLevi abandikhonzayo.’ ”
23. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: