Ujeremiya 32:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Eneneni ke, weza kum apho kuloo yadi yasebhotwe uHanameli unyana kabawokazi, wathi: ‘Khawuwuthenge umhlaba wam oseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. Kaloku nguwe isizalwana segazi esinelungelo lokuwukhulula loo mhlaba uwuthenge.’“Ndaqonda ke ukuba ngenene nguNdikhoyo lo ubethetha nam.

9. Ndawuthenga loo mhlaba kuHanameli, ndayibala imali ngokuyibeka esikalini, ndamnika isiliva ebunzima buziigram ezimakhulu mabini.

10. Ndayibhala incwadi yentengiso, ndayisayina, ndayitywina, yangqinwa, ndaza imali ndayikhangela ubunzima bayo esikalini.

11. Ndazithatha iincwadi zentengiso, nditsho incwadi etywiniweyo equlethe imiqathango yentengiso kunye nekopi yayo engatywinwanga,

12. ndaza ndazinika uBharuki unyana kaNeriya unyana kaMaseya. Ndamnika kukho uHanameli unyana kabawokazi kunye namangqina awayisayinayo incwadi yentengiso, kwakunye namaJuda onke awayekho apho kuloo yadi.

13. Ndamyalela uBharuki emehlweni abo bonke, ndathi:

14. ‘Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Thatha ezi ncwadi zentengiso zombini, nditsho etywiniweyo nengatywinwanga, uzifake engqayini, ukuze zigcinakale ixesha elide.

15. Kaloku utsho uNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Ziza kubuya zithengwe izindlu, nemihlaba, kunye nezidiliya kweli lizwe.’ ”

16. “Ndathi ndakuba ndimnikile uBharuki incwadi yentengiso yomhlaba, ndathandaza ndibhekisa *kuNdikhoyo, ndisithi:

17. ‘Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

18. Wena uwenzela ububele amawaka-waka, uphinde ubuyekeze ubugwenxa booyise kwizizukulwana, wena Thixo omkhulu onamandla, ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

19. Hayi ukuphakama kwezicwangciso zakho nokumangalisa kwemisebenzi yakho, omehlo aqwalasele zonke iindlela zabantu, ukuze ubuyekeze ulowo nalowo ngokwesimo nezenzo zakhe!

20. Wênza imiqondiso eJiputa. Uthe rhoqo ukwenjenjalo unanamhla nalapha kwaSirayeli naseluntwini luphela, wazenzela igama njengokuba kusenjalo.

21. Wabakhupha eJiputa abantu bakho amaSirayeli ngemiqondiso nemimangaliso ngesandla sakho esomeleleyo nangengalo yakho enamandla, eyabarhwaqelisayo abantu.

Ujeremiya 32