Ujeremiya 32:33-44 Ibhayibhile (XHO96)

33. Bandifulathela nangona ndandiphindelela ukubafundisa; abavumanga ukuphulaphula nokuyamkela ingqeqesho.

34. Bade baxabhela nendlu ebizwa ngegama lam ngokuya kumisa kuyo ezo zithixo zabo zinezothe.

35. UBhali bamakhele amaqonga kulaa ntili iHinom, apho benzela khona uMoleki amadini ngoonyana neentombi zabo. Andizange ndithi mabenze amanyumnyezi anje; ayizange ifike nokufika kum ingcinga yokuba bangade benze isikizi elinje ukulukuhlela uJuda esonweni.”

36. “Nina nithi abantu besi sixeko baza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele nendlala nobhubhani. Ukanti nantsi into ethethwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngabo:

37. ‘Ngenene, ndiza kubaqokelela kuzo zonke iindawo endabasarhaza kuzo ndinomsindo omkhulu nengqumbo engathethekiyo, ndibabuyisele kwakule ndawo, bahlale bekhuselekile,

38. babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.

39. Ndiya kubenza babe mxhelo mnye ekucingeni nasekwenzeni, bandihlonele maxa onke, ukuze balungelwe bona kunye nezizukulwana.

40. Umnqophiso endiza kuwenza nabo ngongasoze utshitshe. Ndohlala ndibenzela ububele; ndibafake ifuthe lokundihlonela, bangaze babuye bandishiye.

41. Koba luvuyo kum ukubabonelela; ngenene, ndiya kubamilisela kulo mhlaba ngomxhelo wam wonke.’

42. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Njengoko ndibahlisele esi sihelegu nje aba bantu, ndiza kubuya ndibanike konke okuhle endabathembisa ngako.

43. Iza kubuya ithengwe imihlaba kweli lizwe nithi nina liyinkangala engenakuhlalwa mntu nasilwanyana kuba linikelwe esandleni samaKaledi.

44. Baza kuyithenga ngesiliva abantu imihlaba; iincwadi zentengiso baza kuzisayina, bazitywine emehlweni amangqina, nditsho kwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zeleentaba zakwaJuda, nakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kuba kaloku baza kubuyela kundalashe, badle ngendebe endala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

Ujeremiya 32